Ukusuka phezulu emazulwini, uMdali uThixo ujonge umhlaba.

 

Wena, Nkosi, ulawula ngonaphakade; Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.

 

Uya kusuka ube nemfesane kwiZiyon, kuba lixesha lokuba ube nenceba kuyo; ixesha elimisiweyo lifikile.

 

Ngokuba abakhonzi bakho bayawathanda amatye ayo, banofefe nothuli lwayo.

 

Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova, Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;

 

Uyayiva imithandazo yabanxungupheleyo, Angasigcini isicelo sabo.

 

Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo, Abantu abaza kudalwa badumise uYehova, Kuba uqondele phantsi engcweleni yakhe. uqondele esemazulwini uYehova, ejongile ehlabathini.

 

(jonga iNdumiso 102: 12-19)

 

 

Ixesha elimisiweyo kwakudala lifikile; Ukukhanya koMdali uThixo sele kuza kuvela kwakhona.