“Ndawunikela umhlana wam kwabandibethayo;
nezidlele zam kowodlayo iindevu zam;
Andizange ndibufihle ubuso bam
ekuthukweni nasekutshicelweni.
Wandihlangula ke uMdali onguTHIXO;
ke ngoko andikhange ndiphoswe phantsi;
ngenxa yoko ndibenza lukhuni ubuso bam njengelitye
Kwaye ndiyazi ukuba andiyi kudana.
Usondele lowo undigwebelayo;
ngubani na oya kundimangalela?
Makhe sithelekise!
Ngubani na ummangaleli wam?
Sondela kum!
Ubawo uya kundinceda;
ngubani na oya kundigweba?
Yabona, zonke ezo zinto ziya kuba njengengubo enomsonto;
linundu liya kubadla.
Ngubani na kuni omoyikayo uThixo uMdali
Uyaliphulaphula izwi lomkhuseli wakhe?
nokuba uhamba ebumnyameni, engenakukhanya;
ukholose ngegama loMdali onguTHIXO
yaye ayame ngoYise!”
Ukukhanya kukhanya ebumnyameni,
ubumnyama abuzange bubufikele.
(jonga iVangeli ngokukaYohane 1:5 uze ubone uIsaya 50:6-10)