“Nonoposi endimthandayo, akukho mntu uya kuma phambi kwakho yonke imihla yobomi bakho; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukushiya, andiyi kukushiya.

Yomelela ukhaliphe, ngokuba uya kulabela wena aba bantu elo lizwe ndabafungela lona oyise, ukuba ndiya kubanika. Kuphela yomelela ukhaliphe.

Kugcine ukuwenza wonke umyalelo owakuwiselayo uMoses umkhonzi wam; musa ukutyeka kuyo, uye ekunene nasekhohlo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona.

Ayisayi kumka le ncwadi yomyalelo emlonyeni wakho; camngca ngayo imini nobusuku; Kugcineni ukwenza konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nempumelelo entweni yonke yakho, ukwenze ngengqiqo oko.

Anikuyaleli na mna? Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, naphi na apho sukuba usiya khona.

(Funda uYoshuwa 1:5-9.)